IMIYALEZO ENGUNDOQO YESICWANGCISO KUNYE NOKUKHUTSHWA KWECHIZA LOKUGONYELA I-COVID-19 EMZANTSI AFRIKA
Ukufikelela kumachiza okugonyela i-COVID-19 yeyona nto ibalulekileyo kuthi.
- UMzantsi Afrika uza kufumana isigidi esinye samathamo echiza lokugonyela i-COVID-19 kweyoMqungu kunye namathamo angama-500 000 kweyoMdumba echiza lokugonya le-Oxford University-AstraZeneca elivela kwi-Serum Institute yase India (i-SII).
- Siza kuqala ngokugonya abasebenzi bezempilo belizwe lethu abaqikelelwa kwi-1.25 yezigidi.
- Urhulumente usebenza ngokusondeleyo neGunya loLawulo lweeMveliso zeMpilo loMzantsi Afrika (i-SAHPRA) ukuqinisekisa ukuba akukho kulibaziseka ekuvumeleni ukusetyenziswa kwechiza lokugonya.
- Ichiza lokugonya le-Oxford University-AstraZeneca sele livunyiwe ngabalawuli abohlukeneyo kwihlabathi liphela kwaye lizakhutshwa nakwamanye amazwe.
- Sifikelele kwisivumelwano neZiko le-COVAX lokuba sizakufumana amachiza okugonya alingene ukugonya iipesenti ezili-10 zabemi.
- La mathamo alindeleke ekuqaleni kwekota yesibini yonyaka.
- Siyaqhubeka nokusebenza neenkampani ezahlukeneyo zoxubo-mayeza ukuqinisekisa ukuba unyaka ka-2021 uphela sigonye iipesenti ezingama-67 zabemi.
Ichiza lokugonya liza kukhutshwa ngezigaba.
- Khange kubekho kulibaziseka kwangabom ekufikeleleni kwichiza lokugonyela i-COVID-19, njengoko imeko ihlala imaxongo; zonke izinto kufuneka zithathelwe ingqalelo.
- Sikhetha amachiza okugonya sijonge ukhuseleko nokusebenza kwawo, ukusebenziseka lula, ukugcinakala, ukuhanjiswa, ubulula bokufumaneka kwawo kunye neendleko.
- Ichiza lokugonya siza kulikhupha sisebenzisa izigaba ezintathu siqala ngabona bantu basesichengeni.
- Sijonge ukuba uthi uphela unyaka ka-2021 sibe sesigonye iipesenti ezingama-67 zabemi, nto leyo eza kwenza ukuba sikwazi ukuphumeza ukhuseleko labemi abaninzi (i-herd immunity).
- Kwisigaba sokuqala siza kugxila kubasebenzi bezempilo abajongene ngqo nobhubhane.
- Kwisigaba sesibini siza kugonya abasebenzi abasisiseko, abantu abakwiindawo zendibanisela, abantu abaneminyaka engaphezulu kwama-60 kunye nabantu abaneminyaka engaphezulu kwe-18 abahleli benezigulo abanazo.
- Kwisigaba sesithathu siza kugxila kubantu abaneminyaka engaphezulu kwe-18, sijolise kubemi abangama-22 500 000.
Urhulumente uza kufumana, ahambise ze abeke iso ukukhutshwa kwechiza lokugonya.
- Urhulumente njengomthengi wamachiza okugonya ekukuphela kwakhe uzakulihambisa koorhulumente bamaphondo nakwicandelo labucala.
- Siza kufumana izitokhwe ezikhoyo kubavelisi abohlukeneyo.
- Ngoko ke kuza kubakho amachiza okugonya amaninzi ohlukeneyo kwinkqubo yethu, kodwa awunakugonywa ngamachiza okugonya amabini ohlukeneyo.
- Inkqubo yokugonya iza kusekelwa kubhaliso lwangaphambi kokugonya kunye nenkqubo yokuchongwa.
- Bonke abo bagonyiweyo bazakufakwa kwirejista yesizwe baze banikwe amakhadi okugonya.
- Ikomiti yesizwe yokukhutshwa izakongamela ukuphunyezwa kwenkqubo yokugonya kuwo omabini amacandelo elikarhulumente nelabucala.
Amachiza okugonya asindisa ubomi!
- Kukho ubungqina obuninzi bezenzululwazi bokuba ukugonya yeyona ndlela ilungileyo yokuzikhusela kusuleleko oluxhalabisayo.
- Amachiza okugonya awakuniki intsholongwane, koko afundisa amajoni omzimba wakho ukuba aqonde kwaye alwe nosuleleko.
- Ichiza lokugonyela i-COVID-19 linika umzimba imiyalelo yokwakha ukuxhathisa kusuleleko kwaye alitshintshi iiseli zomntu.
- Amachiza okugonya sele enciphise ukugula nokubulawa zizifo ezosulelayo ezifana nengqakaqa, ipoliyo, ukudumba isibindi, imasisi, uminxano-mihlathi,isifo sokukhohlela unkonkonko kunye nokukrala kwemiphunga kwihlabathi liphela.
- Ukugonya abantu aboneleyo kunga nceda ukudala ukhuseleko lwabemi abaninzi ze kutshabalalise esi sifo.
Amachiza okugonya afakwa phantsi kovavanyo olungqongqo ukuqinisekisa ukuba akhuselekile kwaye ayasebenza.
- Onke amachiza okugonya adlula kwinkqubo ebanzi yovavanyo ngabalawuli bezonyango ukuqinisekisa ukuba akhuselekile.
- Iinkampani zoxubo-mayeza zinikezela ngazo zonke iziphumo zovavanyo lwaselabhoretri kunye nezeemvavanyo zokhuseleko ukuqinisekisa ukuba ichiza lokugonya liyasebenza.
- Naziphi na iinkxalabo zokhuseleko ziyafunyanwa ngabalawuli xa behlolisisa idatha.
- Amachiza okugonya enzelwe ukusindisa ubomi hayi ukucinezela, ukuthakatha, ukubanga okanye ukuhlohla iingqondo zabantu ukuze bacinge ngendlela ethile.
Ichiza lokugonyela i-COVID-19 yinkonzo edalelwe ukuphila koluntu.
- UNondyebo weSizwe uzibophelele ekuqinisekiseni ukuba inkxaso-mali ayingomqobo ekufikeleleni kumachiza okugonya.
- Ulwabiwo olupheleleyo lohlahlo lwabiwo-mali lokufumana amachiza okugonyela i-COVID-19 luzakukwaziswa kuHlahlo Lwabiwo-mali lweSizwe lonyaka ka-2021. Oku kusisongezelelo samalungiselelo enkxaso-mali enziwe kunyaka-mali wangoku wokuthenga i-odolo yokuqala yamachiza okugonya, ejolise kuqala kubasebenzi abajongene ngqo nobhubhane.
- Ngokubanzi, inkxaso-mali izakuvela kuhlahlo lolwabiwo-mali olongezelekileyo, uhlenga-hlengiso kwakhona lwemali, ukunyuka kweengeniso, kukho nethemba lokuba ingavela nasekubambisaneni necandelo labucala.
- Urhulumente utyikitye isibophelelo sezezimali ezibophelela ekuhlawuleni iipesenti ezingama-85 zazo zonke iindleko zexesha elizayo, malunga ne-R2.2 yezigidigidi, kwiZiko le-COVAX. Amanye amalungiselelo kuxoxwa ngawo ngokudibeneyo kunye nabavelisi abohlukeneyo bechiza lokugonya.
- INgxowa-mali yeManyano ibe nesisa yenza umnikelo wentlawulo yangaphambili emalunga neepesenti ezili-15 zeendleko zizonke.
Sisebenza ngokubambisana ukukhusela ichiza lokugonyela i-COVID-19.
- Urhulumente uza kuba nakho ukufumana ichiza lokugonya ngemali esuka kwingxowa-mali yakhe.
- Amashishini kunye nezicwangciso zoncedo lonyango zize ngaphambili ukuxhasa iinzame zikarhulumente kwaye oku kwamkelekile. Le ntsebenziswano iza kukhokelwa yimigaqo-nkqubo yemanyano yezentlalo nokunganyanyezelwa kwaphela korhwaphilizo
- ISebe lezeMpilo lityikitye izilungiso kwimimiselo ukuvumela ukuba amachiza okugonya kunye nezinye iindlela zonyango zibe yinxalenye yesibonelelo esincinci sezicwangciso zonyango esimiselweyo.
Iinkcukacha ezithe vetshe ziyafumaneka ku https://sacoronavirus.co.za/category/mac-advisories/